





16 BONA XHOSA - August 1995

NDILILA UMZANTSI-AFRIKA
UTSHO UCREDO MUTWA
UMangope wabhukuqwa yaza iflegi yaseBophuthatswana yanyathelwa ngeenyawo, njengoko wayetshilo uCredo



UMugabe, uyasibona isithunzi esikwingomso lakho? Uza kubhukuqwa ngumntu okhe wasindisa ubomi bakhe!


tshane elizayo? utsho uCredo engathi ukhwankqisiwe.
Xa ebeprofetha ngokususwa kukaF.W. de Klerk esikhundleni sokuba ngumongameli uthi: Mongameli de Klerk , ingomso olakhayo lilo eliza kukutshabalalisa, liza kukuphelelisa ngesidima endaweni yokuba likwenze ukhuseleke!
Waprofetha nokuba kuza kubakho ubuqhetseba kunyulo nokuthi sebesaziwa abaza kuphumelela kulo, kodwa ukuphumelela kwabo kunyulo akuzukwenza kubekho uxolo; akuzukwenza bonwabe abemi belizwe; akuyi kuzisa intlutha namanzi ebantwini ababhuqwa yindlala.
Uthi ilizwe laseMzantsi-Afrika liya kuze lulufumane uxolo ngo-1997 kwaye luya kuba lolwexeshana.
Mugabe....ngaba uyasibona isithunzi kwingomso lakho? Uza kubhukuqwa ngumntu owakhe wasindisa ubomi bakhe!
Xa eguqukela kuWinnie Mandela, uCredo uthi amabhinqa aza kuba nenxaxheba enkulu eMzantsi-Afrika ngo-1995, yaye phakathi kwawo kukho noWinnie Nomzamo Mandela.
Kodwa umlumkisa ngelithi, izinto zenze ngenyameko Nomzamo. Iintshaba ezitshabalalisa ilizwe lethu azizalelwanga eMzantsi-Afrika. Abantu ababulala abantu ngabaseMelika .
Bangaphantsi kweCIA ( iCentral Intelligence Agency ) neBritish Intelligence .
Uqwela ngelithi, "Amanye amadoda namabhinqa antsundu athetha-thethana ngoxolo kule mihla aza kunqakulwa avalelwe ngurhulumente kungekudala. Baza kutyholwa ngetyala elingekhoyo lokuvukela urhulumente yaye ndibabona bemile bebotshwe ngamatsheyini phambi kwemikhosi!
iziprofetho ezothusayo zikaCredo ziboniswa kwividiyo yakhe, ezinye zazo sezizalisekile. Ezo ziquka:
 UGqozo wakhiqwa esikhundleni waza ngokuhamba kwexesha wavalelwa etyholwa ngokuthubelezisa idayimani .
Kungoku nje iANC ithi makabanjwe abekwe ityala ngokubulawa kwabantu ababesenza umngcelele eBisho ngokomyalelo ngexesha wayesalawula ngegqudu lomkhosi eCiskei .
 UMangope wabhukuqwa yaye kwabakho uvukelo eBophuthatswana, yanyathelwa ngeenyawo iflegi yakhona, njengoko wayeprofethile uCredo .
 uWinnie wagxothwa kurhulumente nangona kukho abathi ubengafanelanga agxothwe ngokomgaqo-siseko nokuthi ugxothwe ngenxa yokutsho kwamanye amazwe namajelo eendaba amanye amazwe, ababesithi uyamhlaza uMandela othandwayo kwamanye amazwe.
 UGqr. Mangosuthu Buthelezi udla ngokutsho ngokwakhe ukuba uthotywa isidima yaye uthukwa phambi kwehlabathi nokuthi kuzanywa ukwenziwa ngathi abantu bakhe (amaZulu namalungu eIFP ) abaluthandi uxolo. Kwenzeka kanye into eyayiprofethwe nguCredo ! 



18 BONA XHOSA- August 1995

Wakhe weva ngomdlali othi ekubadlali abaziireserve
UMandela engqongwe ngabakhuseli bakhe wamkelwe yenkulu intlokoma yamawaka-waka ababukeli xa ebengena e-Ellis Park Rugby Stadium enxibe ijezi yamabhokobhoko usenzela ingxelo...
KOTHULELW'UMNQWAZI- IKAPTENI YESPRINGBOKS


UMONGAMELI ebehleli nababukeli elinde ixesha loloyiso abantu abaninzi abebecinga ukuba alinakufika. Ubuyibona indlela avakalelwa ngayo xa evezwa ngumabonakude, ukuba ngenene ungumlandeli weqela lelizwe lakhe elibethe iNew Zealand eyomeleleyo lazuza iRugby World Cup ebeliqala ukuyingenela.
Sifanele simngqinele umphathi weqela leli, uMorne du Plessis , xa esithi ukuphumelela koMzantsi-Afrika kubonisa ukuba eli lizwe laliza kuyizuza le ndebe ukuba laliyingenele ngo-1987 nango-1991. Nkqu noJonah Lomu , lowo amajelo eendaba ebemenza ngathi ulirhamncwa eloyikekayo, woyisakele ukuqhekeza	abadlali bethu basemva abomeleleyo. Sothulel'umnqwazi noJames Small weli oye wanyanzeleka ukuba aphume ebaleni ngokwenzakala	sekusele imizuzu emihlanu uphele umdlalo. Noko ke ilizwe laseMzantsi-Afrika libe nobubele kuJonah Lomu ngokumvumela agoduke ezifumanele intombi ancuma nayo.
Kuthe xa iNew Zealand ibetha iNgilani kwiisemi-fayinali , abantu bazixelela ukuba iza kuzuzwa yiyo indebe yehlabathi. Iyibethe lula iNgilani ngokungathi yi-Ivory Coast ibethwa yiFrance kwimijikelo yokuqala. Bekungekho mntu onokubheja athi uMzantsi-Afrika, obethe iFrance kwiisemi-fayinali , uya kuba nako ukunqanda abafana beAll Blacks ekuzuzeni indebe yehlabathi yombhoxo. Ngenxa yeentsikelelo zikaMandela aphumelele amaBhokobhoko . Xa iNkulumbuso yaseNew Zealand , uJim Burger , ibithetha nomongameli weli emnxebeni babheje ngekheyisi yewayini ingulowo esithi kuphumelela ilizwe lakhe -kwaye bathe ophumeleleyo uya kuyinikwa kwintlanganiso yeCommonwealth Heads of Government Conference eza kuba seAuckland ( eNew Zealand ) ngoNovemba .
Into emangalisayo kukuba nguBurger obesandul'ukuzuza enye ikheyisi yewayini kuNozakuzaku waseUnited States , uJosiah Beeman , emva kokuba iqela laseNew Zealand lizuze iYachting Cup yaseMerika kutshanje.
UMadiba akakhange axhale yiloo nto. Ebelithembile iqela lakuthi. Zithe zakuvakala ezo ndaba abantu baseMzantsi-Afrika bathi oko kubheja

kukuqhula nje. Iindaba zithi amaBhokobhoko
akhuthazwe kukuthenjwa kwawo nguMandela enethemba lokuba uya kuyisela nawo iwayini . Nokuba imhlophe okanye ibomvu loo wayini , okanye yenziwe eFrance okanye eMzantsi-Afrika, siyathemba ukuba uMadiba uya kuyisela namaBhokobhoko ngelizama ukwakha umoya woxolelwano nokwakhiwa ngokutsha kwelizwe.
Ukuba ubungazi, kuphumelele uMandela kumazwi abebegibiselana ngawo noBurger . Uphumelele ebephikiswa ngabantu abantsundu baseMzantsi-Afrika abebengafuni ukuxhasa amaBhokobhoko benqwenela ukuba abethwe kanobom yiNew Zealand . Woyise nabantu bamazwe elihlabathi angawona aphambili de kube yimini yefayinali , uMandela wagqibela ukuba sisithixo xa wayephuma entolongweni ngomhla we-11 kuFebruwari ka-1990. Ngaloo mini wathi xa ephuma eVictor Vester Prison , ehamba nobefudula engumkakhe, uWinnie , wenza inkungu nelanga yabantu baseMzantsi-Afrika yanemincili engathethekiyo. Nkqu nababengamthandi bazenza abantu abavuyileyo nabo kuba befuna kube ngathi bebekhathazekile ngaye.
Ngemini yefayinali nakwiveki eyandulelayo, uphakamise ingalo yakhe enomlingo, ilizwe lonke lanemincili. Qho xa ethetha ebengalishiyi igama labadlali bombhoxo. Ebebakhuthaza, ethetha nabo njengotata, njengomlandeli nommi welizwe labo. Kuthiwa ebetsalela umnxeba uFrancois rhoqo ngorhatya bacebe indlela ekufuneka babethe ngayo iAll Blacks . Ngubani obengekhe athande ukutsalelwa umnxeba ngutata.
Ingxaki kukuba ndiva kusithiwa uyeke ukutsala umnxeba uMandela emva kokuba omnye wabagcini bomzi wakhe woburhulumente, eMahlambadlovu ePitoli ebesoloko embona etsalela umnxeba uFrancois , waza wamxelela ukuba imidlalo
Umzuzu obusoloko unqwenelwa nguMandela wokuba amaBhokobhoko azuze iRugby World Cup . Apha uncokola neKapteni , uFrancois Pienaar



elandelayo yeRugby World Cup iza kuba ngo-1999.
Kuvakala nokuba inkosikazi kaFrancois beseyiqala ukukrokra ukuba indoda yayo ithetha nentombi encuma nayo, ingazi ukuba ithetha noyena mntu mkhulu kweli lizwe. Iintsikelelo zikaMandela ngenene zisebenzile. Siyazi ukuba amaBhokobhoko ayizuzele yena kuqala le ndebe, okwesibini ayizuzele iwayini , okwesithathu ayizuzele iziqu zawo, okwesine intombi ewise uLomu , okwesihlanu abalandeli bawo abantsundu, okokugqibela ayizuzele bonke abalandeli abamhlophe, ingakumbi abasaphatha iflegi endala.
Kubalulekile ukubaphulaphula abantu abadala. Bahoye kwaye ungacaphuki kukuzekeleia kwabo xa bathethayo. Ndiyabaphulaphula mna. Nangoku mna ndiyazi ukuba uFrancois wacetyiswa nguMandela kwiminyaka engama-20 edlulileyo ukuba mhla wadlala umbhoxo abonxiba ijezi enguNombolo 6. Kuthiwa noMadiba wayenxiba ijezi enale nombolo eseyinkwenkwe kweliya lalifudula liyiTranskei . Ndiyazi ukuba ninxanelwe ukwazi ukuba ndive ngabani. Ndive ngomhlobo wakhe omkhulu, uWalter Sisulu. (Kodwa ungayibuzi loo nto kuWalter kuba ndiyazi uza kuyikhanyela!). Ngoko yijezi enguNombolo 6 (ingeyiyo ekaFrancois ) engcwabe iqela laseNew Zealand .
UMadiba ebesazi ukuba xa uFrancois ebona ijezi enxitywe nguye, oko kuya kumkhuthaza iqela lakhe liyizuze iRugby World Cup .
Ndiyacinga ukuba eneneni eli lizwe liphumelele ngeqela elinabadlali abali 16. Nangona abadlali balo bengakwazi ukucula umhobe wesizwe ngesizulu nesiSuthu, kodwa ukuzimisela kwabo ukuwuzama kubonisile ukuba banako ukuwufunda. Sifanele sivume ukuba bawudlala kakuhle umbhoxo, kwaye njengoko uDoctor Khumalo noHelman Mkhalele benikwa ithuba lokuphumelelisa iBafana Bafana, namaBhokobhoko afanele anconywe ngokusenza sibe neqhayiya.
Yiva mna kuba ndiyazazi ezi zinto. Usakhumbula ukuba nditheni ngokuphulaphula abantu abadala? De kufike imidlalo yeRugby World Cup elandelayo ngo-1999, kamnandi maBhokobhoko ! 




BAYANDA OONONGOGO
ABANGABANTWANA..


20 BONA XHOSA - August 1995


Umfoti nentatheli yeBONA, uBrent Stirton , uchithe iveki yonke kwizitrato zaseJohannesburg , enxibe okomntu osisibhadubhadu. Ubencathama ezikoneni ezimnyama ebeka ubomi bakhe esichengeni waza wasiphathela eli bali nemifanekiso eyothusayo yabantwana abancinci abathengisa ngemizimba yabo kuba befuna imali .

KUMBINDI weJohannesburg phakathi kwezakhiwo zedolophu ezide kuqhubeka ushishino olubi kakhulu. Amantombazana aselula nangenako nokuxhathisa xa enyanzelwa, kodwa amadala ngokwaneleyo ukuba awuqonde umcimbi wesondo, kwaye ayingozi ngokwaneleyo ukuba bakhathazeke abasemagunyeni; athengisa ngemizimba emadodeni amadala!
Aba bantwana bathengisa ngemizimba yabo khon'ukuze bazuze nantoni na abanokuyifumana!
Bohluke mpela kumntwana wakho oneminyaka eli-11! Banxiba njengamantombazana amadala. Banxiba izikeyiti ezifutshane neetophu ezincinane kwaye bathi gqi okomshologu xa uhamba kwisitrato ekuthiwa yiGoud Street embindini weJoburg , ekulapho kwenziwa lo mkhwa mbi nowaziwa ngabantu abambalwa.
Indlela abatsala ngayo abaxumi nabafumaneka ngayo isetyenziswa naphi na; njengokuyilileka ezitratweni , maxa wambi ngokuveza amabele angekaphumi ngokupheleleyo. Indoda efuna uncedo ithi isathethana nentombazana kube kusenziwa izinto eziyihendayo. Bakuvumelana ubona ucango lwemoto luvuleka, ingene intombazana ihambe nendoda uluntu olunokuthi iphambene. Oku bakwenza benoncumo kobo buso babo buncinane.
Eneneni kwenzeka ntoni apha? Ndichithe iveki yonke ndisihla ndinyuka kwindawo abafunyanwa kuyo abantwana abathengisa ngemizimba kwaye ndibone ngaphezu kwama-50 amantombazana aneminyaka esusela kweli-10 ukuya kwi-17 enza lo mkhwa mbi.
Akukho bantu bakhalazayo okanye amaphephandaba ayidizayo le ntlekele. Akukho nonoontlalontle abazama ukubanqanda aba abantwana. Amapolisa ayaphika ukuba kukho abantwana abancinane abathengisa ngemizimba. Abantu abakholelwa ukuba iyenzeka into enjalo. Kodwa iyenzeka!
Abanye babantwana bavumile ukuthetha nam bakuqinisekisa ukuba andilopolisa . Onke amantombazana aselula athengisa ngemizimba antsundu. Enye yawona aselula nguThandi. Une-12 leminyaka, ukhulile ngokomzimba kodwa ubuso bakhe buyamdiza ukuba usemncinane. Uthe unceda amadoda amathathu ngobusuku, kwaye uninzi lwawo eza rhoqo.
"Kutheni usenza lo msebenzi mbi kangaka? Ndimbuzile. Mnumzana, ndineminyaka emithathu ndisenza lo msebenzi. Njengoko ndingenabazali yintoni enye endingaphila ngayo ngaphandle kwalo msebenzi?
Kutheni ungayi uyohlala kumakhaya akhuselekileyo ekugcinwa kuwo abantwana abangenabazali njengawe? Ndimbuzile.
UThandi undijonge ngokungathi uthi ndiphambene. Uphambene! utshilo. Ukugqibela kwam ukuya kumakhaya othetha ngawo ndadlwengulwa yinkwenkwe eyayindala kunam eyayihlala khona. Ndayixela kwabasemagunyeni kodwa ayizange yohlwaywe ngaloo nto. Yathatyathwa ngokukuba ibindifikisa!
Ndimbuze indawo afunde kuyo isiNgesi ndothuswe yindlela asithetha kakuhle ngayo. Ndisifunde apha esitratweni ! Uninzi lwamadoda endiwancedayo ngamaNgesi.
Sithe sisathetha njalo kwathi gqi iAudi ebukeka ikumgangatho wodidi oluphezulu. Ize kum le moto , utshilo uThandi. Mhlawumbi nawe ndiza kukubona ngenye imini! utsho ngentsini ebuyela kwikona yakhe ephakamisela isandla loo moto . Andikhange ndiphinde ndimbone uThandi.
Namanye amantombazana andibalisele amabali afana nelikaThandi. U-Rebecca une-14 leminyaka kwaye uneenyanga ezintlanu ethengisa ngomzimba. Uthe intle gqitha imali kulo msebenzi kangangokuba xa seluwuqalile kubanzima ukuwuyeka. Uthe wenza i-R100 ukuya kwi-R150 ngobusuku obunye. Apha eMzantsi-Afrika ininzi kakhulu loo mali , nokuba ungakanani na. Uthi ukhulisa umntakwabo omncinci ngale mali kodwa ubuye wathi, Nam ndizithengela impahla entsha ngayo!
URebecca yenye yamantombazana


Le ntombazana ine-11 leminyaka ayikhange iphinde yonwabe sakuyifota ishiye umthengi wayo yabaleka. Ibiphethe imali eyifumene ngokuthengisa ngomzimba wayo.

Le yona intombazanana iyazitsholo ukuba ifuna malini , Kodwa uninzi lwabo luqeshwe ngamanye amadoda afumana inxalenye yemali ayifumeneyo amantombazana.
Le ntombazana siyibhaqe kwisitulo esingemva emotweni ihlasimla ziintlungu ngethuba indoda esisigwili izinceda kuyo.


Ubhaqiwe, le ntwazana imcenge kakhulu Umfoti wethu isithi: Nceda Mlungu ungandenzakalisi...

Abantwana baza kuqhubeka nokuthengisa ngemizimba yabo ngaphandle kokuba uluntu lwenza iinzame ezikhawulezayo zokukuphelisa

		BONA XHOSA- August 1995 19

